YOUR SOUTHERN AFRICAN EBOOKSTORE
Ntombifikile Njokweni
Ntombifikile Njokweni

UUNtombifikile Njokweni, inkaba yakhe iseMazizini kwilali yakwaLujiko, eNgqushwa.Wazalwa ngomhla wama-27 kuTshazimpuzi ngowe 1972. Ufunde amabanga akhe aphantsi kwaLujiko Primary School, waqhubeka waya eThembalabantu High School eZwelitsha apho aphumelele khona imatriki ngowe 1990.
Uqeqeshelwe ukuba yititshalakazi yesiXhosa, waze wafundisa abantwana kwizikolo ezahlukeneyo kweliya belisakuba liphandle leTranskei.
UNtombifikile ufunde imfundo enomsila (Bachelor of Arts ne-Higher diploma in Education) kwiUniversity of Fort Hare ngowe 1991 ukuya ku1994. Uqhubeke wongeza ubuchwepheshe bokufundisa abantwana ngokwenza iB Ed honours in Whole school development kwiUniversity of Port Elizabeth nesele ibizwa ngokuba yiNelson Mandela University ngowe 2005. Ngonyaka wama -2014, uye wokuqala ukuphangela eBhayi kwiprojethi eyasungulwa liSebe leMfundo ebizwa ngokuba ngu IIAL (Incremental Implementation of African Languages) ephuhlisa iilwimi zakwaNtu nekhuthaza ukuba abantwana baseMzantsi Afrika bazifunde ezi lwimi bazithethe bekwezi zikolo zabo zazisakuba zizikolo zabaMhlophe.
Kungoku nje uphakathi kokubhala iincwadi zesiXhosa, ekwayiyo netitshala yesiXhosa.Le yincwadi yakhe yokuqala.

Quick View
Add to Wishlist
CompareCompare
Add to basketView cart

Amazwembezwembe Obom

R79,00
Baye bancedwa ngugqirha oseThekwini oye wenza uqhaqho, wamfaka iintsimbi uIviwe,wakwazi ukuhamba. Emva kokufunda kabuhlungu kwiimpazamo zakhe uIviwe, uye wanayo loo mpilo ingcono. Uye wanayo sele engumntu oneentsimbi emqolo, eneziva ezibonakalayo nezingabonakaliyo zobom. Liphumile ilanga ekugqibeleni kuba ubumnyama iba yinto yexeshana.
Rated 0 out of 5
Quick View
Add to Wishlist

Amazwembezwembe Obom

R79,00
Baye bancedwa ngugqirha oseThekwini oye wenza uqhaqho, wamfaka iintsimbi uIviwe,wakwazi ukuhamba. Emva kokufunda kabuhlungu kwiimpazamo zakhe uIviwe, uye wanayo loo mpilo ingcono. Uye wanayo sele engumntu oneentsimbi emqolo, eneziva ezibonakalayo nezingabonakaliyo zobom. Liphumile ilanga ekugqibeleni kuba ubumnyama iba yinto yexeshana.
Rated 0 out of 5
Add to basketView cart
Select the fields to be shown. Others will be hidden. Drag and drop to rearrange the order.
  • Image
  • SKU
  • Rating
  • Price
  • Stock
  • Availability
  • Add to cart
  • Description
  • Content
  • Weight
  • Dimensions
  • Additional information
Click outside to hide the comparison bar
Compare
    0
    Your Cart
    Your cart is emptyReturn to Shop